kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36
  37. 37
  38. 38
  39. 39
  40. 40
  41. 41
  42. 42
  43. 43
  44. 44
  45. 45
  46. 46
  47. 47
  48. 48
  49. 49
  50. 50

Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 16 Ibhayibhile (XHO96)

UAbram noSarayi noHagare

1. Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.

2. Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.

3. USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.

4. UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.

5. USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”

6. Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.

7. Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure.

8. Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”

9. Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.”

10. Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”

11. Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.Uze uthi nguIshmayeli igama layo,kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.

12. Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;uya kuchasa wonke ubani,angafunwa ngumntu wonke naye.Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”

13. UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”

14. Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.

15-16. UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.