1. Umka-Abram uSarayi wayengazali. Wayenesicakazana somJiputakazi esigama linguHagare.
2. Wathi ke uSarayi kuAbram: “Ndiyabona ukuba *uNdikhoyo akandiphanga inzala. Ungangeni uHagare nje, isicakakazi sam? Mhlawumbi angandizalela unyana yena.” UAbram wavuma.
3. USarayi ke wamnikezela uHagare abe ngumfazi omncinci ka-Abram. Le nto yehla selehleli ishumi leminyaka uAbram eKanana.
4. UAbram wadibana noHagare, waza uHagare wakhulelwa. Uthe ke akuziqonda ukuba ukhulelwe, waqhosha wamdela uSarayi.
5. USarayi ke uthe kuAbram: “Endidela nje uHagare lo, kungenxa yakho. Kanti ke wawumnikwe ndim lo, seleqhosha nje akuzibona ekhulelwe. Ngamana uNdikhoyo angahlula oyena unyanisileyo phakathi kwam nawe.”
6. Uphendule wathi uAbram: “Kulungile kaloku, sisicakazana sakho; uphantsi kwakho uHagare. Yenza into oyibonayo kaloku.” USarayi ke wamphatha gadalala uHagare, wada wabaleka wemka.
7. Isithunywa sikaNdikhoyo sadibana noHagare ngasemthonjeni osentlango ngasendleleni ebheka eShure.
8. Sathi kuye: “Hagare, sicakazana sikaSarayi, uvela phi, usiya phi?”Waphendula wathi: “Ndibaleka uSarayi inkosikazi endikhonza yona.”
9. Sithe ke kuye isithunywa: “Buyela kwakuye ke, umthobele.”
10. Siphinde sathi: “Ndokunika abantwana abangenakubalwa mntu ngenxa yobuninzi babo.”
11. Isithunywa sikaNdikhoyo saqokela sathi:“Ukhulelwe nje uza kuzala inkwenkwe.Uze uthi nguIshmayeli igama layo,kuba kaloku uNdikhoyo uyivile intlungu yakho.
12. Kodwa yena unyana wakho uya kuziphatha okweqwarha;uya kuchasa wonke ubani,angafunwa ngumntu wonke naye.Uya kuhlala elikheswa phakathi kwabantu bakowabo.”
13. UHagare wathi khumnqa, wathi ke ukumbiza loo Ndikhoyo ambonileyo nguThixo obonayo, kuba esithi: “Ngoku ndimbonile ondibonayo.”
14. Yiyo ke loo nto abantu bathi loo mthombo uphakathi kweKadeshe neBherede ngumthombo kaPhila-endibonile.
15-16. UHagare wazala inkwenkwe, wathi ke uAbram igama layo nguIshmayeli. Wayemashumi asibhozo anesithandathu ubudala uAbram ukuzala kwakhe unyana.