Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 11:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”

5. *UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo,

6. waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza.

7. Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.”

8. Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko.

9. Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.

10. Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala.

11. Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.

12. Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela.

13. Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.

14. Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere.

15. Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.

16. Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 11