Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyeziqalo 11:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala.

11. Uhleli amanye amakhulu amahlanu emva koko, wazala abanye abantwana.

12. Akuba namashumi mathathu anantlanu uArpakishadi, wazala unyana uShela.

13. Emva koko uhleli amakhulu mane anantathu, wazala nabanye abantwana.

14. Akuba namashumi mathathu uShela, wazala unyana uHebhere.

15. Wahlala amakhulu mane anantathu emva koko, wazala nabanye abantwana.

16. Wayenamashumi mathathu anane uHebhere ukuzala kwakhe unyana uPelegi.

17. Uhleli amakhulu mane anamashumi mathathu emva koko, wazala abanye abantwana.

18. UPelege uzele unyana, uRewu, emashumi mathathu ubudala.

funda isahluko epheleleyo Eyeziqalo 11