1. Ngelo xesha abantu elizweni babethetha ulwimi olunye, besebenzisa namagama afanayo ezinto.
2. Ke ekubhaduleni kwabo kwelasempumalanga bada baya kutsho kumathafa aseBhabheli, bema apho.
3. Bathethana bathi: “Masenze izitena, sizitshise ziqine.” Baza ke basebenzisa ezo zitena endaweni yamatye, netha endaweni yodaka.
4. Bathi ke: “Masakhe isixeko, senze nenqaba enencopho eya kutsho esibhakabhakeni, ukuze sibe negama nathi, singathi saa elizweni.”
5. *UNdikhoyo wehla weza kusibona eso sixeko babesakhile nenqaba leyo,
6. waza wathi: “Xa aba bantu beluhlanga olunye, bekwantetho-nye, sebeqala ngokwenjenje, abanakuxakwa nayintoni na abafuna ukuyenza.
7. Yizani sihle, ulwimi lwabo silwenze lube yingxuba-kaxaka, khon' ukuze bangevani ngentetho.”
8. Wabathi saa elizweni uNdikhoyo, àbasakha neso sixeko.
9. Kwathiwa eso sixeko yiBhabheli, kuba kaloku uThixo wasuka wayenza ingxuba-kaxaka intetho yabantu. Ukusuka apho abantu bathi saa elizweni.
10. Nanga amagqabantshintshi ngoShem. Kudlule iminyaka yamibini emva konogumbe, uShem wazala unyana uArpakishadi selenekhulu leminyaka ubudala.