Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 8:20-32 Ibhayibhile (XHO96)

20. Waphinda *uNdikhoyo wathi kuMosis: “Vuka kusasa ngomso, uhlangabeze ukumkani xa aya emlanjeni, uthethe naye uthi: ‘UNdikhoyo uthi: “Khulula abantu bam, baye kundikhonza;

21. okanye xa ungayenzi loo nto, ndiya kukuthumela ngamabubu eempukane, zikuhlasele wena namaphakathi akho, nabantu bakho. Ziya kuzalisa ezindlwini zakho, nakwezabantu bakho, nakuwo wonke umhlaba waseJiputa.

22. Kodwa ke eGoshen, apho kukho abantu bam, aziyi kubakho, khon' ukuze uqonde ukuba mna Ndikhoyo ndikho apha kweli lizwe.

23. Ndiya kubakhetha abantu bam kubantu bakho ngokubakhusela. Loo mqondiso ke úya kuzibonela ngokwakho kusasa kusile.” ’ ”

24. Ngenene ke uNdikhoyo wathumela amabubu eempukane komkhulu nakwimizi yamaphakathi. Lonke elaseJiputa laba semngciphekweni wentshabalalo ngenxa yeempukane.

25. Ukumkani wababiza ooMosis noAron, wathi kubo: “Hambani niye kubingelela kuThixo wenu, kodwa ningaphumi kweli lizwe.”

26. UMosis waphendula wathi: “Ayinakulunga loo nto. Kaloku isilwanyana esiza kwenza ngaso idini likaNdikhoyo uThixo wethu, silisikizi kumaJiputa. Ngoko ke singathi, siyenzile loo nto phambi kwamaJiputa, asixulube ngamatye, sife.

27. Kufuneka sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, simenzele khona idini uNdikhoyo uThixo wethu ngokomlomo wakhe.”

28. Ukumkani waqhuba wathi: “Ndiyanikhulula nihambe niye kubingelela kuNdikhoyo uThixo wenu entlango, kodwa ke ze ningayi kude kakhulu. Ndithandazele ke!”

29. UMosis wathi: “Ndakuba ndimkile ke ndiya kumbongoza uNdikhoyo. Wona ke amabubu eempukane aya kumka aphele ngomso, angabi sakuhlupha wena namaphakathi akho, ngokunjalo nabantu bakho. Kambe ke, wena kumkani, ungaphindi usiqhathe ubalele abantu ukuya kubingelela kuNdikhoyo.”

30. Ephumile ke uMosis kwakumkani, watarhuzisa kuNdikhoyo,

31. waza wazisusa iimpukane ezo kukumkani, kumaphakathi, nasebantwini bakhe, akwasala nale inye.

32. Nakwesi isihlandlo ukumkani waphinda waqaqadeka, wankaniza, akawakhulula amaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 8