UMosis waphendula wathi: “Ayinakulunga loo nto. Kaloku isilwanyana esiza kwenza ngaso idini likaNdikhoyo uThixo wethu, silisikizi kumaJiputa. Ngoko ke singathi, siyenzile loo nto phambi kwamaJiputa, asixulube ngamatye, sife.