Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 8:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Yiya kukumkani, uthi ndithi kuye: ‘Khulula abantu bam baye kundinqula.

2. Ukuba uyala ukubakhulula, ilizwe lakho ndiya kulihlasela ngesibetho samasele.

3. Umlambo iNayile uya kuphuphuma ngamasele; oda aye kufika nakwakho. Aya kutaka-taka endlwini yakho yokulala, emandlalweni, ezindlwini zamaphakathi, nasezindlwini zabo bonke abantu bakho. Amasele aya kugxalathelana kumaziko okubhaka, nakwizitya zokuxovela;

4. aya kuxhumela kuwe, kubantu bakho, nakumaphakathi akho.’ ”

5. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi makathi kuAron: “Yolula isandla sakho, uwalekuze ngenduku leyo amanzi emilambo, aweentlambo, nawamaqula, khon' ukuze kunyakazele amasele kulo lonke elaseJiputa.”

6. Ngenene ke uAron wawalekuza amanzi aseJiputa ngenduku yakhe, kwaza kwavela amasele, anyakazela kulo lonke.

7. Ngemilingo yawo amaqili aseJiputa âkwazi nawo ukuyenza loo nto yayisenziwa nguAron, aza anyakazela amasele kwelaseJiputa.

8. Ke ukumkani wabiza uMosis noAron, wathi kubo: “Khanimbongoze uNdikhoyo awasuse la masele kum nakubantu bam, ukuze mna ndibakhulule abantu bakowenu, baye kubingelela kuNdikhoyo.”

9. UMosis waphendula wathi: “Loo nto ndingayenza ngovuyo, nto nje wena misa ixesha ofuna ndikuthandazele ngalo wena namaphakathi akho nabo bonke abantu bakho, ukuze nahlukane namasele, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

10. Ukumkani ke waphendula wathi: “Makaphele ngomso.”Wathi ke uMosis: “Kuya kuba njengokuba uthetha, khon' ukuze uqonde ukuba akakho onjengoNdikhoyo uThixo wethu.

11. Amasele aya kumka kuwe nasezindlwini zakho, kumaphakathi nakubantu bakho, asale emlanjeni iNayile kuphela.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 8