1. Ke kaloku uMosis noAron baya kukumkani waseJiputa, bathetha naye bathi: “Wenjenje ukuthetha *uNdikhoyo uThixo wamaSirayeli: ‘Khulula abantu bam bahambe baye kundenzela itheko entlango.’ ”
2. Ukumkani ke yena waphendula wathi: “Kanti kuxa engubani uNdikhoyo ukuba ndingade ndimthobele ndiwakhulule amaSirayeli? Hayi bo! Andazani naye mna; ngoko ke amaSirayeli àkahamb' apha.”
3. Ke bona bathi: “Sibonene naye uThixo wamaHebhere. Siyakubongoza ke ngoko ukuba usivumele sithathe uhambo lweentsuku ezintathu, siye entlango, siyokwenzela uNdikhoyo uThixo wethu idini; kungenjalo úya kusihlasela ngezibetho okanye ngekrele.”
4. Ukumkani wabaphendula ooMosis noAron wathi: “Kutheni ke ngoku nibaphazamisa nje aba bantu emsebenzini wabo? Buyelani emsebenzini!”
5. Waza ukumkani waleka ngelithi: “Niyabona ukuba olu hlanga lwenu selwande kakhulu, kodwa nina nithi maluyeke lungasebenzi!”