Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 34:23-35 Ibhayibhile (XHO96)

23. “Onke amadoda makeze kunqula mna Ndikhoyo Thixo kaSirayeli kathathu ngonyaka.

24. Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.

25. “Xa nindenzela idini ze ningasisebenzisi isonka sentlama enegwele. Ngexesha letheko *lePasika inyama yedini ize ingabekwa mbeko.

26. “Minyaka le zisani ulibo lwesivuno endlwini kaNdikhoyo.“Ningaze nilipheke ngobisi lukanina itakane lebhokhwe.”

27. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Wabhale la mazwi. Kaloku umnqophiso wam nani uxhomekeke kuwo.”

28. Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.

29. Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto.

30. UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye.

31. Kodwa uMosis wababiza, waza uAron nazo zonke iinkokheli zamaSirayeli beza kuye, waza wathetha nabo.

32. Kamva ke onke amaSirayeli aqokelelana kuMosis, waza ke wawaxelela yonke imiyalelo ayinikwe nguNdikhoyo entabeni iSinayi.

33. Wathi ke akugqiba ukuthetha nabo uMosis, wabufaka isigqubuthelo ubuso bakhe.

34. Wayesithi xa eza kuthetha noNdikhoyo asisuse isigqubuthelo. Ekubuyeni kwakhe ke wayewaxelela konke akuyalelwe nguNdikhoyo amaSirayeli.

35. Wona ke ayebubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla. Kambe ke wayeye afake isigqubuthelo, ade aphinde kwakhona aye kuthetha noNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 34