Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.