Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 34:13-30 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ndaweni yaloo nto wadilizeni amaqonga abo amadini, niyifohloze imifanekiso yabo; ke sona *isithixo sabo uAshera ze nisityoboze.

14. “Ningaze ninqule thixo wumbi, kuba mna Ndikhoyo ndinguSobukhwele; ndinguThixo onekhwele.

15. Sanukwenza zivumelwano nabantu belo lizwe; kuba hleze bathi, xa benqula besenzela izithixo zabo amadini amanyumnyezi, banimeme nani, nilukuhleke, nitye loo madini azo.

16. Nani ningasuka nibathathele oonyana benu abafazi kwezo ntombi zabo, zithi ke ngaloo ndlela zibahende banqule izithixo.

17. “Ningaze niziqingqele izithixo.

18. “Ningaze niyeke ukwenza itheko lesonka sentlama engenagwele. Yenzani njengoko ndaniyalelayo, nitye isonka esinganyuswanga iintsuku zibe sixhenxe kwinyanga ka-Abhibhi. Kaloku leyo yinyanga enaphuma ngayo eJiputa.

19. “Unyana wamazibulo ngokunjalo neduna lemfuyo lamazibulo lelam.

20. “Ke lona iduna lamazibulo ledonki nolihlawulela ngedini letakane. Kungenjalo ke niya kulaphula ilungu lentamo. Wonke unyana wamazibulo makahlawulelwe.“Akukho mntu makeze kum engaphathanga mnikelo.

21. “Iintsuku ezintandathu evekini zezokwenza wonke umsebenzi wenu. Kodwa ke ngosuku lwesixhenxe ze niphumle; nditsho nkqu nangamaxesha okulima nokuvuna.

22. “Xa nivuna ingqolowa yenzani itheko lolibo; kanti ke ningalityesheli netheko lesivuno ngexesha lokuvuna iziqhamo.

23. “Onke amadoda makeze kunqula mna Ndikhoyo Thixo kaSirayeli kathathu ngonyaka.

24. Ndiya kuzigxotha izizwe phambi kwenu, itsho inabe imida yenu, kungabikho namntu uya kuzama ukulihlutha elo lizwe kuni xa nisiya kundinqula mna Ndikhoyo Thixo wenu ngazo zozithathu ezi zihlandlo enyakeni.

25. “Xa nindenzela idini ze ningasisebenzisi isonka sentlama enegwele. Ngexesha letheko *lePasika inyama yedini ize ingabekwa mbeko.

26. “Minyaka le zisani ulibo lwesivuno endlwini kaNdikhoyo.“Ningaze nilipheke ngobisi lukanina itakane lebhokhwe.”

27. UNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Wabhale la mazwi. Kaloku umnqophiso wam nani uxhomekeke kuwo.”

28. Ke kaloku uMosis wahlala apho iintsuku ezingamashumi amane engatyi engaseli. Amazwi omnqophiso wawabhala apho emacwecweni, oko kukuthi imithetho elishumi.

29. Ukubuya kwakhe entabeni uMosis ephethe loo mithetho ilishumi, ubuso bakhe babukhazimla, kuba ethethe *noNdikhoyo; kambe ke yena wayengayiqondi loo nto.

30. UAron namaSirayeli onke babubona ukuba ubuso bakhe buyakhazimla, batsho boyika ukusondela kuye.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 34