Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 20:18-26 Ibhayibhile (XHO96)

18. Athi ke amaSirayeli akuziva iindudumo, nokuhlokoma kwexilongo, akubona nemibane itshawuza, nentaba ilitsili ngumsi, suka angcangcazela kukoyika, angcachela phaya.

19. Abhekisa kuMosis, athi: “Mayibe nguwe othetha nathi; siya kukuva. Mayingabi nguThixo ngokwakhe othetha nathi, hleze sife.”

20. UMosis wathi ebantwini: “Sanukoyika, kuba uThixo uyanivavanya nje, khon' ukuze nihlale nimhlonele, ningawexulwa kukona.”

21. Kambe ke abantu bona bahlala bechasele, àbavuma ukusondela, yanguMosis yedwa okufuphi kwelo lifu limnyama lingumqondiso wobukho bukaThixo.

22. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Yithi kumaSirayeli: ‘Ngoku ke nindivile, mna Ndikhoyo, xa bendithetha nani ndisezulwini.

23. Ngoko ke, indim nje uThixo wenu, sanukundidibanisa nezithixo ezenziwe ngesiliva okanye igolide.

24. Mna ndenzeleni iqonga lamadini ngomhlaba, nize nithathe iinkomo, iigusha, okanye iibhokhwe, nenze ngazo amadini atshiswayo ngokunjalo namadini obudlelwane. Naphi na apho ndininike khona indawo yokunqula ndiya kuza ndinithamsanqelise.

25. Xa nindenzela iqonga lamadini ngamatye sanukuwaqingqa, kuba xa nisebenzisa izixhobo niwaqingqa selexabhelekile kum.

26. Xa nindakhela iqonga lamadini makungayiwa ngezinyuko kulo, hleze nithi xa ninyukayo zihlubeke izambatho zenu, nibe ze.’ ”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 20