Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 17:3-13 Ibhayibhile (XHO96)

3. Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”

4. UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”

5. UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu, uhambe nawo, uwashiye amaSirayeli; ungayishiyi induku yakho owabetha ngayo umlambo iNayile.

6. Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.

7. Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”

8. Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.

9. UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”

10. UYoshuwa wenza ngokomyalelo kaMosis, baphuma baya kulwa nama-Amaleki. Ke yena uMosis, enoAron noYuri, benyukela phezu kwentaba.

11. Ngalo lonke ixesha uMosis eziphakamisile izandla zakhe, amaSirayeli ayewagxotha ama-Amaleki; kodwa athi akuzithoba izandla, oyiswe amaSirayeli.

12. Wathi akudinwa uMosis, uAron noYuri bamhlalisa elityeni, bamxhaka, baphakamisa iingalo zakhe lada latshona ilanga.

13. Ngale ndlela ke uYoshuwa wawaswantsulisa ama-Amaleki.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 17