Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 17:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi.

2. AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!”UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”

3. Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”

4. UMosis wazibika kuNdikhoyo, wathi: “Kodwa ndiza kubathini aba bantu? Bangasuka bandixulube ngamatye.”

5. UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu, uhambe nawo, uwashiye amaSirayeli; ungayishiyi induku yakho owabetha ngayo umlambo iNayile.

6. Ke mna uya kufika ndikulinde eliweni eHorebhe. Libethe iliwa elo. Kuya kumpompoza amanzi, amaSirayeli abe nokusela.” Yonke ke le nto uMosis wayenza ekunye namadoda amakhulu.

7. Le ndawo ke yathiywa igama kwathiwa yiMasa neMeribha, kuba kaloku apha amaSirayeli alwa noMosis, amvavanya uNdikhoyo, esithi: “Ukho na phakathi kwethu uNdikhoyo, nokuba hayi?”

8. Apha eRefidim ke ama-Amaleki eza ahlasela amaSirayeli.

9. UMosis ke wayalela uYoshuwa wathi: “Khetha amadoda athile, niphume niye kulwa nama-Amaleki. Ngomso mna ndiya kuma phezu kwentaba ndiphethe laa nduku ndiyinikwe nguThixo.”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 17