Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 17:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekuphumeni kwintlango iSin onke amaSirayeli ahamba amabanga ngamabanga ngokuyalelwa *nguNdikhoyo, ada aya kufika eRefidim, akhe aphumla khona. Kule ndawo ke ayengekho amanzi.

2. AmaSirayeli asuka ke alwa noMosis, athi: “Sinxaniwe; siphe amanzi!”UMosis wathi kuwo: “Kutheni nisilwa nam nje? Nimlingelani uNdikhoyo?”

3. Kambe ke amaSirayeli akayekanga ukumkhalazela uMosis, kuba ayenxaniwe. Athi: “Kodwa kodwa, ungathini ukusikhupha eJiputa, ukuze uze kusichana ngonxano, thina nentsapho nemfuyo yethu?”

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 17