Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 14:21-31 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ngenene ke uMosis wasolula isandla sakhe phezu kolwandle, waza uNdikhoyo wathumela umoya onzima wasempuma, walududula ulwandle, kwavela umhlaba owomileyo. Umoya lowo wabhudla ubusuku bonke, aza ahlukana kubini amanzi.

22. AmaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi eziindonga ngapha nangapha.

23. Ke kaloku amaJiputa xa ewonke, neenqwelo kunye namahashe okumkani, axhabasha angena elwandle esukela amaSirayeli.

24. Ekuzeni kokusa uNdikhoyo ekwelo lifu neso sithatha somlilo wayijonga imikhosi yamaJiputa, yatsho yaphithizela.

25. Amavili eenqwelo amomana, baza baba ngathini abaqhubi zaxinga. AmaJiputa akhala athi: “UNdikhoyo uyawalwela amaSirayeli; masiwayeke sisabe.”

26. Ke kaloku uNdikhoyo wayalela uMosis wathi: “Yolula isandla sakho phezu kolwandle kwakhona, ukuze amanzi awagubungele amaJiputa kunye neenqwelo zawo.”

27. UMosis wenza ngokomyalelo lowo, kwaza kwathi ke ngomsobomvu amanzi athi wayi-wayi abuyela endaweni yawo. Athi ke esaduntsuza ezama ukubaleka amaJiputa, uNdikhoyo wawagubungela ngolwandle.

28. Ewe, amanzi adibanisa abuyela kwindawo yawo yesiqhelo, aza ke wona amaJiputa neenqwelo zawo nawo wonke umkhosi kakumkani owawuleqa amaSirayeli wantywiliselwa lulwandle, akwasala nomnqongo lo!

29. Kanti ke wona amaSirayeli awela emhlabeni owomileyo, amanzi aludonga ngapha nangapha.

30. Ngaloo mini ke uNdikhoyo wawasindisa amaSirayeli kumaJiputa. AmaSirayeli ayibona imizimba yamaJiputa iqungquluze elunxwemeni lolwandle.

31. Athi amaSirayeli akukubona ukusebenza kwamandla kaNdikhoyo ngokoyisa amaJiputa, angenelwa luloyiko, amhlonela. Ewe, azinikela kuNdikhoyo, akholelwa kwisicaka sakhe uMosis.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 14