Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:31-45 Ibhayibhile (XHO96)

31. Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.

32. Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

33. AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.”

34. Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni.

35. Bayenza nento ababeyiyalelwe nguMosis, kuba bacela izinto zesiliva nezegolide, kunye nempahla yokunxiba, kumaJiputa.

36. UNdikhoyo wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa, aza awaxhobisa ngako konke awayekufuna. Ngaloo ndlela ke amaSirayeli awaphanga amaJiputa.

37. Ke kaloku anduluka amaSirayeli eRamesi, aya kutsho eSukoti. Inani lamadoda ngaphandle kwelabafazi nabantwana lalingamakhulu amathandathu amawaka.

38. Kanti ke kwabakho nengxubevange yabantu ehamba namaSirayeli, ngokunjalo nemihlambi yeenkomo, neebhokhwe, neegusha.

39. Babhaka izonka ngaloo ntlama inganyuswanga babemke nayo eJiputa. Kaloku lalingekho igwele, ibe ke ukuphuma kwabo eJiputa bagxagxanyiswa kangangokuba bangabi nako nokuzenzela nomphako lo.

40. KwelaseJiputa amaSirayeli ahlala iminyaka engamakhulu amane anamashumi amathathu.

41. Kwathi kanye ke ngosuku lokugqibela lokuphela kwaloo minyaka uhlanga lukaNdikhoyo lwaphuma eJiputa lungamabutho ngamabutho.

42. Ngenxa yokuba uNdikhoyo walinda ngobo busuku, elindele ukuwakhupha eJiputa, nangoku amaSirayeli anesiko lokulinda ngobu busuku, esenza isikhumbuzo sikaNdikhoyo.

43. *UNdikhoyo wabayalela uMosis noAron, wathi: “Nantsi imimiselo emaniyigqale xa kubhiyozelwa *iPasika: Umntu wolunye uhlanga akavumelekanga ukuba abe nenxaxheba.

44. Ke lona ikhoboka elithengiweyo livumelekile lakuba lalukile.

45. Umhambi okanye umqeshwa makangabi nanxaxheba.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12