Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:29-37 Ibhayibhile (XHO96)

29. Kwathi ke ezinzulwini zobusuku *uNdikhoyo walihlasela elaseJiputa, wawabulala onke amazibulo, kuqalela kwelikakumkani lowo wayengqendeve ebhotwe, kuye kuqhina kwelombanjwa owayengaphaya kwezitshixo, ngokunjalo nawemfuyo.

30. Ke kaloku ngobo busuku ukumkani, amaphakathi, nawo onke amaJiputa, baphaphama, bevuswa sisimbonono sesijwili. Kaloku kwakungekho mzi ungafelwanga.

31. Kwangobo busuku ukumkani waseJiputa wathumela buphuthu-phuthu ukuba kubizwe uMosis noAron. Befikile ke, wathi kubo: “Vukani nihambe, niphume phakathi kwabantu bam; nditsho nina namaSirayeli jikelele. Hambani niye kukhonza uNdikhoyo njengoko nanicelile.

32. Thathani konke okwenu, ningayishiyi imihlambi yenu yeenkomo, neegusha, neebhokhwe, niphel' emehlweni – nam nindithamsanqelise!”

33. AmaJiputa athundeza amaSirayeli ukuba emke, esithi: “Singabafileyo xa enokungahambi amaSirayeli.”

34. Ngoko ke amaSirayeli azalisa izitya zawo zokuxovela ngentlama engenagwele, aza azisongela ngeempahla, azixway' emagxeni.

35. Bayenza nento ababeyiyalelwe nguMosis, kuba bacela izinto zesiliva nezegolide, kunye nempahla yokunxiba, kumaJiputa.

36. UNdikhoyo wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa, aza awaxhobisa ngako konke awayekufuna. Ngaloo ndlela ke amaSirayeli awaphanga amaJiputa.

37. Ke kaloku anduluka amaSirayeli eRamesi, aya kutsho eSukoti. Inani lamadoda ngaphandle kwelabafazi nabantwana lalingamakhulu amathandathu amawaka.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12