Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 12:13-27 Ibhayibhile (XHO96)

13. Izindlu enikuzo ndiya kuzibona ngegazi; lona loba ngumqondiso endininika wona. Ndiya kuthi ndakubona igazi ndigqithe, angafiki kuni ubhubhani xa nditshabalalisa amaJiputa.

14. Le mini ke ize ibe sisikhumbuzo kuni. Ze ningayilibali, ngayo nibhiyozele uNdikhoyo, niyenze ibe ngummiselo olisiko nakwizizukulwana.”

15. Waqhuba *uNdikhoyo wathi: “Uyabona ke, niya kuthatha iintsuku ezisixhenxe nisitya isonka esenziwe ngentlama engenagwele. Ngosuku lokuqala ze niligqogqe nilikhuphe lingabikho igwele ezindlwini zenu. Kwezi ntsuku ke umntu okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa kwibandla lamaSirayeli.

16. Umhla wokuqala nomhla wesixhenxe uya kuba ngumhla owodwa wenkonzo; akukho msebenzi uya kwenziwa ngayo ngaphandle kokupheka.

17. Lo msitho ke ze niwugcine, kuba ngawo nokhumbula umhla endanikhupha ngawo eJiputa ningamabutho ngamabutho. Ngoko ke wenzeni ube ngummiselo kammiselo.

18. Ukususela kurhatya lomhla weshumi elinesine, kuye kutsho kurhatya lomhla wamashumi amabini ananye, ze ningasityi isonka esinyusiweyo.

19-20. Ngezo ntsuku zisixhenxe malingabikho igwele ezindlwini zenu, kuba okhe watya into enegwele uya kuhlanjwa ebandleni likaSirayeli, noba uyinzalelwane, okanye ngumngeneleli. Naphi na apho nikhoyo ze nitye isonka esinganyuswanga; esinegwele ze ningasifaki emlonyeni.”

21. UMosis ke wawabiza amadoda amakhulu amaSirayeli, wathi kuwo: “Hambani ngoku nizifunele amaxhwane ngokwemizi yenu, nixhelele *iPasika.

22. Umntu makathathe amahlamvu ehisopu, awathi nkxu kwigazi lexhwane elisesityeni, afefe imigubasi yomibini naphezu kwayo. Akuyi kuphuma mntu ke apho kuloo ndlu kude kube kusasa ngengomso.

23. Kaloku xa *uNdikhoyo ejikeleza, ehamba ebulala amaJiputa, uya kuthi akubona igazi emigubasini, awugqithe loo mnyango, angamvumeli umtshabalalisi angene anibulale.

24. Ze niyilulamele le miyalelo ibe ngummiselo kuni nakwizizukulwana.

25. Naxa senide nafika nakwelo lizwe nathenjiswa ngalo nguNdikhoyo ze ningayilibali.

26. Niya kuthi ke xa nibuzwa ngabantwana benu ngalo msitho, besithi ngaba uthetha ntoni na,

27. nibaxelele nithi: ‘Ngalo msitho sitya idini lePasika lokudumisa uNdikhoyo, sikhumbula mhla wazigqitha izindlu zamaSirayeli eJiputa, mhlenikwezeni watshabalalisa amaJiputa, wasisindisa ke thina.’ ” AmaSirayeli ke asuka athi guqaqa, anqula uNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 12