Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 11:4-10 Ibhayibhile (XHO96)

4. UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa.

5. Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo.

6. ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na.

7. Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”

8. UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.

9. Ke kaloku uNdikhoyo wayethethe noMosis wenjenje: “Ukumkani waseJiputa akayi kukuphulaphula, khon' ukuze ndiyandise imimangaliso yam phakathi kwamaJiputa.”

10. Le mimangaliso ke uMosis noAron bayenza phambi kokumkani. Kambe ke uNdikhoyo wamqaqadekisa ukumkani waseJiputa, akavuma ukuwakhulula amaSirayeli emke eJiputa.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 11