Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyemfuduko 11:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wabhekisa kuMosis wathi: “Uyabona ke, ukumkani lo ndawonye nabantu bakhe ndiya kumzisela isibetho sokugqibela. Emva kweso ke uya kunikhulula nihambe. Enyanisweni uya kunigxotha niphume niphele.

2. Ngoku ke yitsho ibe ngulowo nalowo kumaSirayeli acele isiliva negolide kummelwane wakhe.”

3. UNdikhoyo ke wawenza axatyiswa amaSirayeli ngamaJiputa. Ngenene uMosis wayehlonitshwe gqitha ngamaphakathi kakumkani ndawonye nawo onke amaJiputa.

4. UMosis waxelela ukumkani wathi: “UNdikhoyo uthi: ‘Ndiya kuphuma ezinzulwini zobusuku, ndilijikeleze lonke elaseJiputa.

5. Ndiya kuwathi qwaka afe onke amazibulo, kuqalela kwelokumkani ongqendeve ebhotwe, kuye kwelekhoboka elisebenzayo, kuye kuthi xhaxhe kwizibulo lemfuyo.

6. ElaseJiputa liya kuhlahlamba ngesijwilikazi esingazange seviwa ngaphambili, esingayi kuze siviwe nanini na.

7. Kanti ke wona amaSirayeli nemfuyo yawo sobe abe nawo nowempumlo umkrwelo.’ Ngaloo ndlela ke niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyahlula phakathi kwamaJiputa namaSirayeli.”

8. UMosis waqukumbela ngelithi: “Ke wona la maphakathi akho aya kuza kum akhahlele endibongoza esithi: ‘Thatha abantu bakho, niphume niphele kweli.’ Kwakuba njalo ke ndiya kunduluka.” Akukhov' ukutsho ke, uMosis waphuma efuthekile.

funda isahluko epheleleyo Eyemfuduko 11