Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 9:11-23 Ibhayibhile (XHO96)

11. Makawubhiyozele ngosuku lweshumi elinesine kwinyanga yesibini ngorhatya. Mawubhiyozelwe ngesonka esinganyuswanga nemifino ekrakrayo.

12. Oku kutya makungabekwa mbeko, namathambo enyama leyo angàkrotyozwa. Umhla lowo ke wobhiyozelwa ngokwemiqathango yawo.

13. Nabani na ke ongenasizathu, futhi engekho luhambeni, aze angawubhiyozeli lo mhla, uya kusikwa kumaSirayeli, kuba enganikelanga ngedini lePasika kuNdikhoyo ngexesha elimisiweyo. Uya kohlwaywa ngesono sakhe.

14. “Ukuba owasemzini ophakathi kwenu ufuna ukuba nenxaxheba kulo mbhiyozo wePasika, uvumelekile, kodwa yonke into makayenze ngokwemimiselo nemigaqo. Wonke umntu wohamba kwangalo mthetho, noba ngumngeneleli okanye ngowothuthu.”

15-16. Ke kaloku kwathi mhla yagxunyekwa yemiswa intente *yesibingelelo enobungqina bomnqophiso lasuka lakhakhaba layambathisa ilifu. Ngokuhlwa kude kube kusasa ke eli lifu lalisuka libe ngumlilo odangazelayo.

17. AmaSirayeli ayesithi lakuzisonga liphakame ilifu elo, afuduke, aze aye kumisa apho lihle lafukama khona.

18. AmaSirayeli la ayefuduka ngomyalelo *kaNdikhoyo, kanti ke nokumisa kwawo kwakukwaxhomekeke kuwo. Xa lisahleli lifukamile apho esibingelelweni ilifu elo, amaSirayeli ayehlala alinde.

19. Naxa lihleli ithuba elide apho esibingelelweni lingemki, amaSirayeli ayethobela uNdikhoyo ahlale.

20. Maxa wambi ke eli lifu lalihlala nje ithuba leentsukwana, libuye liphakame; kambe ke nakuyiphi na imeko wona amaSirayeli ayehamba okanye ahlale ngokwelizwi likaNdikhoyo.

21. Kanti kwakusenzeka nokuba lifike lifukame ngorhatya, lize ngentsasa elandelayo licombuluke. Phofu ke wona amaSirayeli ayengadubeki koko; ayelilandela nanini na licombuluka, nokuba kusemini okanye kusebusuku.

22. Ewe, nokuba lihleli iintsuku ezimbini, inyanga, nonyaka, kanti naxa lihleli ngaphezu kwelo thuba, oko nje lifukamile apho esibingelelweni, ayelilinda, aze ahambe lakucombuluka.

23. Ngokupheleleyo ke ukunduluka nokumisa kwamaSirayeli kwakuxhomekeke kwisikhokelo esinikwe uMosis nguNdikhoyo.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 9