AmaSirayeli la ayefuduka ngomyalelo *kaNdikhoyo, kanti ke nokumisa kwawo kwakukwaxhomekeke kuwo. Xa lisahleli lifukamile apho esibingelelweni ilifu elo, amaSirayeli ayehlala alinde.