Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 34:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo wanika uMosis

2. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3. Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4. uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5. apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6. “Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

7. “Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore,

8. uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 34