kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31
  32. 32
  33. 33
  34. 34
  35. 35
  36. 36

Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 34 Ibhayibhile (XHO96)

Imida yelizwe laseKanana

1. *UNdikhoyo wanika uMosis

2. le miyalelo, wathi makayigqithisele kumaSirayeli, athi: “Nantsi ke imida yelizwe laseKanana endinipha lona.

3. Umda wangezantsi uya kusuka kwintlango iZin, ubhijele kumda wase-Edom. Ngasempuma uya kuthatha kumazantsi oLwandle oluFileyo,

4. uhle ujonge kwinkalo yeAkrabhim, utyhutyhumeze ungene eZin, uyokuthi gaa ngeKadeshe-bhaneya. Ukuphuma apho uya kujonga emantla-ntshona, uye eHazare-adare, uphumele eAzemon,

5. apho uya kujika, ujonge kwiintili zemida yeJiputa, uyokuma ngolwandle olukhulu.

6. “Ngasentshona umda uya kuba lulwandle olukhulu.

7. “Ngasentla umda uya kusuka kulwandle olukhulu, uye kurheca intaba iHore,

8. uye kuthi xhaxhe kwinkalo yeHamati; uze ke uye kurheca iZedada

9. neZifron, uye kuthi gaa ngeHazare-enan.

10. “Owasempuma uya kuphuma eHazare-enan, uye kuthi xhaxhe ngeShefam.

11. Uya kuhla uye eRibhela kwimpuma yeAyin, utyhutyhumeze kwiinduli ezikwimpuma yonxweme loLwandle lwaseGalili;

12. uze ke wenjenjeya ukuhla ngomlambo iJordan, uye kuthi gaa ngoLwandle oluFileyo.“Yomine ke le yimida yelizwe lenu.”

13. UMosis ke waxelela amaSirayeli, wathi: “Nâlo ke ilizwe eniza kulizuza *ngamaqashiso, ilizwe elabelwe izindlu ezilithoba ezinesiqingatha *nguNdikhoyo.

14-15. Ke zona izindlu zikaRubhen, uGadi, kunye nesiqingatha sikaManase, zisifumene isabelo sazo ngokwemizi yazo ngaphesheya kwimpuma yeJordan malunga neJeriko.”

Iinjoli zomhlaba

16. *UNdikhoyo wayalela uMosis, wathi:

17. “Umbingeleli uElazare noYoshuwa unyana kaNune ngabo abaya kwabela amaSirayeli umhlaba.

18. Ngokunjalo ke khetha inkokheli ibe nye kwindlu nganye bancedise.

19-28. Nanga ke amagama eenkokheli ezo: Indlu Inkokheli KwaJuda uKalebhi unyana kaJefune KwaSimon uShemuweli unyana ka-Amihudi KwaBhenjamin uElidade unyana kaKiselon KwaDan uBhuki unyana kaJogeli KwaManase kaJosefu uHaniyeli unyana kaEfodi KwaEfrayim kaJosefu uKemuweli unyana kaShiftan KwaZebhulon uElizafan unyana kaParnaki KwaIsakare uPaltiyeli unyana ka-Azana Kwa-Ashere uAbhihudi unyana kaShelomi KwaNafetali uPedayeli unyana ka-Amihudi.”

29. Nango ke amadoda âmiswa nguNdikhoyo ukuba abele amaSirayeli umhlaba kwelaseKanana.