Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 24:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. izihlabo zomfo owevayo amazwi kaThixo,othwetyulweyo, kambe ethe ntsho ngamehlo,walamile, unombono kaSomandla.

5. Hay' ubuhle beentente zikaYakobi!Ewe, athe dwe amanqugwala kaSirayeli!

6. Zithe tyaba okweentili;zithe thande okomyezo ecaleni komlambo,ngathi ngumngcelele wekhala elityalwe nguNdikhoyo,sengathi yimisedare phezu komlambo.

7. Kuwo imvula iya kuhlala ingunogumbe,imbewu ayityale kumhlaba otofo-tofo.Ukumkani wawo woba mkhulu kunoAgagi,ulawulo lwakhe lubalasele ngodumo.

8. UThixo wawakhupha eJiputa,iimpondo zakhe zibaze okwenyathi.Iintshaba zawo azithi nqwam-nqwam,amathambo azo awacole.Ke lona utolo lwawo luyahlabanisela.

9. Luhlanga olubuthuma njengengonyama;lunjengemaz' engonyama, lungavuswa ngubani?Uthamsanqelekile osikelela uSirayeli!Hay' ishwangusha kulowo umqalekisayo!”

10. Ke kaloku uBhalaki wabhabhazela ngumsindo, wabetha ngenqindi phantsi, wathi kuBhalam: “Ndakulanda ukuba uze kuqalekisa iintshaba zam, kodwa ngoku kude kwakathathu uzithamsanqela!

11. Yini le! Chitheka; goduka! Ndathembisa ukuba ndiya kukuvuza ungakrokri, kambe ke lo Ndikhoyo ukwalele ukuba uwufumane loo mvuzo.”

12. UBhalam waphendula wathi: “Abathunywa bakho ndandibaxelele

13. ukuba noba ungade undinike lonke ibhotwe lakho lizele yisiliva negolide andingekhe ndiwutsibe umyalelo kaNdikhoyo, ndenze ukuthanda kwam. Kuphela ndiya kuthetha oko athe mandikuthethe.

14. Ke ngoku ndiyagoduka; ndiya kwabakowethu. Kodwa ke, phambi kokuba ndihambe, ndifuna ukukhe ndikulumkise ngento aya kuyenza uSirayeli kubantu bakho.”

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 24