Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 22:35-41 Ibhayibhile (XHO96)

35. Ke sona isithunywa sathi kuye: “Hayi, sowuhamba nala madoda; kodwa ke uze uthethe loo nto ndithi thetha yona.” Ngoko ke uBhalam wahamba nazo iinkokheli zakwaBhalaki.

36. UBhalaki uthe akuva ukuba uBhalam uyeza, wamhlangabeza, wadibana naye kwisixeko esiphezu komlambo iAnoni, kumda welaseMowabhi.

37. UBhalaki wambuza wathi: “Kwakutheni ukuze ungezi ngokuya ndandikuthumele kuqala? Ngaba wawukrokrela ukuba sobe ndibe nako ukukuhlawula?”

38. UBhalam waphendula wathi: “Andithi na kaloku ndizile? Kambe ke gunya lini endinalo? Hayi kaloku, ndothetha loo nto athi mandiyithethe uThixo.”

39. Ngoko ke uBhalam wahamba noBhalaki, baya eKiriyati-huzoti.

40. UBhalaki waxhela iinkabi zeenkomo ndawonye neegusha, wamkela uBhalam nezo nkokheli wayehamba nazo.

41. Ngengomso ke uBhalaki wamthatha uBhalam, wamsa eBhamoti-bhali, apho wayeza kuba nako ukubona inxalenye yamaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 22