Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 18:22-25 Ibhayibhile (XHO96)

22. Ke wona amaSirayeli angawambi akufuneki nganto ukuba abe nento ayenzayo esibingelelweni, khon' ukuze angasifumani isohlwayo sokufa.

23. Ngoko ke ukusukela ngoku ngabaLevi kuphela amabajongane nesibingelelo, sibe luxanduva lwabo ngokupheleleyo. Lo mthetho ke uya kuhlala umi nakwizizukulwana ezizayo. AbaLevi abasayi kuze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli,

24. kuba kaloku bona ndibanike isabelo esizizishumi endizinikwa ngamaSirayeli. Kungenxa yaloo nto ke ndisithi nje bona abasoze babe nalifa lilelinye kwaSirayeli.”

25. *UNdikhoyo wayalela uMosis

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 18