10. UMosis weva imizi ngemizi yamaSirayeli ikhalaza. Wev' intw' embi, kuba umsindo *kaNdikhoyo wasuka wavutha.
11. Wabhekisa kuNdikhoyo wathi: “Ngani ukuba undiphathe kanje, Mhlekazi? Undiqumbele ngani? Kwakutheni ukuze undinike aba bantu baluxanduva olunje?
12. Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu?
13. Kodwa kodwa ndingayizuza phi inyama, ukuze ndiphe bonke aba bantu? Kuba nâbo besoloko bebhomboloza, besithi mandibaphe inyama.
14. Hayi bo! Andinako ukuwuthwala ndedwa lo mthwalo ungaba bantu; ungaphezu kwam!
15. Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”
16. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe.
17. Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa.