Ke yona yayibakho ngokuhlwa, isiwa nombethe. Kwakusithi ke kusasa abantu baphume baye kuyichola bayiqokelele, bayisile ibe ngumgubo, okanye bayingqushe. Babeyipheka okanye bayenze amaqebengwana ngamafutha. Emlonyeni yayingathi sisonka esenziwe ngamafutha omnquma.