Testamente Endala

Testamente Entsha

Eyasentlango 11:1-18 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku amaSirayeli amkhalazela *uNdikhoyo ngenxa yobunzima ayebuva. Uthe akuyiva le nto uNdikhoyo wacaphuka, wawathumela ngomlilo. Ke wona wadangazela wayitshabalalisa inxalenye yamaphethelo ekampu yamaSirayeli.

2. Ke wona abhenela kuMosis, acela uncedo. Yena ke wabongoza uNdikhoyo ngenxa yawo, waza ke umlilo lowo wadamba.

3. Ngenxa yaloo mlilo ke wathunyelwa nguNdikhoyo, amaSirayeli athi igama laloo ndawo yiTabhera.

4. Ke kaloku phakathi kwamaSirayeli kwakukho ingxubevange yabantu. Bona ke basuka bangenelwa kukurhala, aza namaSirayeli angenelela, akhalaza athi: “Awu, akwaba besinokukhe sifumane inyama!

5. Khawufan' ucinge; kaloku eJiputa intlanzi sasiyitya side siyishiye, singayithenganga nokuyithenga. Awu, yeka loo nkonkomire, naloo vatala, nelo hanyanisi, nelo tswele, nezo kinofile sasizixhaphaza!

6. Uyabona ke ngoku seside sakruquka; ibe ke akukho nakutya ngaphandle kwale mana.”

7. Imana leyo ke ibilingana nembewu yekoriyanda, imhlotshana oku kwentlaka.

8-9. Ke yona yayibakho ngokuhlwa, isiwa nombethe. Kwakusithi ke kusasa abantu baphume baye kuyichola bayiqokelele, bayisile ibe ngumgubo, okanye bayingqushe. Babeyipheka okanye bayenze amaqebengwana ngamafutha. Emlonyeni yayingathi sisonka esenziwe ngamafutha omnquma.

10. UMosis weva imizi ngemizi yamaSirayeli ikhalaza. Wev' intw' embi, kuba umsindo *kaNdikhoyo wasuka wavutha.

11. Wabhekisa kuNdikhoyo wathi: “Ngani ukuba undiphathe kanje, Mhlekazi? Undiqumbele ngani? Kwakutheni ukuze undinike aba bantu baluxanduva olunje?

12. Kakade, ngaba bakhawulwa ndim? Hayi kaloku, àbazalwa ndim; ngani ke ukuba uthi mandibasingathe oku kwempelesi egcina usana, ndibase kwelo lizwe wabathembisa ngalo ngesifungo ooyise-mkhulu?

13. Kodwa kodwa ndingayizuza phi inyama, ukuze ndiphe bonke aba bantu? Kuba nâbo besoloko bebhomboloza, besithi mandibaphe inyama.

14. Hayi bo! Andinako ukuwuthwala ndedwa lo mthwalo ungaba bantu; ungaphezu kwam!

15. Endaweni yale ndlela undiphethe ngayo, ndibulale kube kanye, ukuba uyavelana nam, khon' ukuze ndingayiboni le ntlekele iza kundihlela!”

16. Kwesi sithuba ke uNdikhoyo wathetha noMosis, wathi: “Thatha amadoda amakhulu angamashumi asixhenxe aziinkokheli zamaSirayeli, uze nawo apha *esibingelelweni, eme nawe.

17. Ke mna ndiya kufika ndithethe nani khona, ndize nawo ndiwahlulele kuMoya okuwe, khon' ukuze abe nokukunceda kolu xanduva lungaba bantu, ungaluthwali wedwa.

18. Ke bona aba bantu yithi kubo: ‘Hlambulukani, kuba ngomso niya kuyitya inyama. Kaloku uNdikhoyo usivile isililokazi senu, nisithi nikhanuka inyama, akwaba beniseseJiputa. Ngoku ke uNdikhoyo uza kuninika loo nyama, yaye ke niza kuyitya.

funda isahluko epheleleyo Eyasentlango 11