Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 2:15-26 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ndagqiba kwelithi: “Nam ngokwam ndiya kufa kwanjengesityhakala, ibe yintoni ke endiyizuzileyo ngobulumko?” Ndaza ndagqiba kwelithi: “Nale ke into ikwangamampunge.

16. Isilumko siyalityalwa, kanti nesityhakala asikhunjulwa. Ngemihla ezayo bobabini bayalityalwa, bangabi sakhunjulwa. Kukugqwesa ngantoni ke ukufa kwesilumko ukufa kwesityhakala?”

17. Ngoko ke ndatsho ndabucaphukela ubomi, kuba yonke into eyenziwa apha phantsi kwelanga yasuka yandiphathela inkxwaleko. Ewe, zonke izinto ngamampunge, nqwa nokusukelana nomoya.

18. Ke kaloku ndasuka ndakucaphukela konke ukubulaleka kwam apha phantsi kwelanga, kuba ndisazi ukuba ndihlalelwe kukuzishiya kulowo undilandelayo zonke izinto endizenzileyo.

19. Kwazi bani ke ukuba woba sisilumko okanye isityhakala? Ukanti ke noba kunjalo konke ukubulaleka nobuchule bam apha phantsi kwelanga buya kuba semandleni akhe. Hayi suka, ngamampunge lawo!

20. Ngoko ke ndatsho ndazisola ngokubulaleka kwam konke apha phantsi kwelanga.

21. Kaloku umntu ebesenokuwenza umsebenzi wakhe ngobulumko, ingqiqo, nobuchule, kanti yonke loo nto abulaleke ngayo uza kuyishiya emntwini ongayisebenzelanga mpela-mpela! Ngenene nale into ngamampunge; imbi kunene!

22. Kodwa-kodwa uzuza ntoni umntu ngemizabalazo nokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?

23. Yonke imihla yakhe yinkxwaleko, nokuzabalaza kwakhe ziinzingo. Nasebusuku uyaphuthelwa angaphumli. Ewe, yonke loo nto nayo ingamampunge.

24. Ayikho enye into angayenzayo umntu ngaphandle kokuba atye asele, ahlale anelisekile kukubulaleka kwakhe. Phofu ke naleyo ndafumanisa ukuba iphuma kwasesandleni sikaThixo,

25. kuba kaloku ngaphandle kwakhe akukho mntu ungatyayo okanye onwabe.

26. Kaloku uThixo umnika ubulumko, ingqiqo, nokonwaba, loo mntu umkholisayo; kambe ke bona abagwenxa abanike uxanduva lokusebenza nzima, beqweba beqokelela ubutyebi, ukuze ke babunikezele kwabo bakholisa uThixo. Ngenene nale into ngamampunge, ifana nokusukelana nomoya.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 2