Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 12:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Iingalo zakho ebezikukhusela ziya kuba nomkhinkqi;ngokunjalo nale milenze yakho yomeleleyo okwangoku iya kuba nengevane.Uya kuba ungasenako ukuhlafuna, kuba amazinyo embalwa,namehlo selemfiliba, ungasaboni kakuhle.

4. Iindlebe ziya kuba sezixinene, ungabi sayiva nengxolo esesitalatweni,nditsho nesandi selitye lokusila.Uya kuvuka kusasa zisantyiloza iintaka,noxa kungasekho nayiphi na ingoma onokuyiva.

5. Ngelo xesha uya kuzoyika iindawo eziphakamileyo,ngokunjalo uziphephe iingozi ezitalatweni.Iinwele zakho zosuka zibe mhlophe oku kom-amangile otyatyambileyo,nasekuhambeni ungabi nako nokuzirhuqa oku,ke yona iminqweno ingabi nako ukuvuseleleka.Kaloku umntu uhlalelwe kukuhambaaye ekhayeni lakhe laphakade,abazili behle benyuka ezitalatweni.

6. Ewe kaloku, umxokelelwana wesiliva uya kushunquka,nesibane segolide siwe saphuke;ukanti ke nentambo phaya equleni iya kuqhawuka,nomphanda utsho ukroboke.

7. Ke lona uthuli lwethu luya kubuyela emhlabeni, apho lwaluvele khona kakade,umoya ubuyele kuThixo njengoko wawuvela kuye.

8. Ewe, itsho iNgqondi ukuthi: “Ngamampunge akwampunge! Yonke into ngamampunge!”

9. Ke yona iNgqondi le ayibugcinanga nje ubulumko bayo, koko yathi rhoqo ukubaphakela abantu kubo. Yazikisa ukucinga, yenza uphando, yayila izafobe ezininzi.

10. INgqondi yazimisela ukufumana awona mazwi achanekileyo, inyaniso iyidandalazise njengoko injalo.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 12