Testamente Endala

Testamente Entsha

Amava Engqondi 1:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanga amazwi eNgqondi, unyana kaDavide, ukumkani waseJerusalem:

2. “Ngamampunge awo amampunge;” itsho iNgqondi,“ewe, ngokupheleleyo ngamampunge;yonk' into ngamampunge!”

3. Kumnceda ntoni umntu ukuzabalaza esebenza?Ude azuze ntoni ngokubulaleka kwakhe apha phantsi kwelanga?

4. Izizukulwana ziyafika, izizukulwana ziyemka,kodwa ke lona ihlabathi limi ngonaphakade.

5. Ilanga liyaphuma, kanti ke ilanga libuya litshone,lize ke likhawuleze liye apho liya kuphuma khona.

6. Umoya ubhudla ubhekisa ngasezantsi, ubuye ubhekise ngasentla;wenza loo njike-njike uthatha umjikelo wawo.

7. Yonk' imilambo ingena elwandle, kodwa ke lona ulwandle aluzali;amanzi abuyela apho ebevela khona, aphinde asinge apho ebesiya khona.

8. Yonke into yindebelefele yendinisa engathethekiyo:iliso liyabona, kodwa alaneli;kanti nendlebe iyeva, kodwa ayihluthi.

9. Into eyakha yakho yophinda ibe khona.Le nto yenzekileyo iya kuphinda yenzeke kwakhona.Akukho nto intsha phantsi kwelanga.

10. Ungabeva besithi: “Uyabona ke, intsha le nto!”Ukanti ke ibikho kakade, ntlandlolo kwangaphambili.

11. Izinto zakudala azisakhunjulwa;ukanti ke nezi zanamhlanje izinto aziyi kwaziwa sisizukulwana esizayo.

12. Ke mna Ngqondi ndandingukumkani wakwaSirayeli eJerusalem.

funda isahluko epheleleyo Amava Engqondi 1