Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 9:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Oogxa bakhe baphendula bathi: “Uyasiqhatha. Khawusixelele inyaniso; ubesithini?”UYehu wathi: “Hayi ke, nantsi into ayithethileyo: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ndiyakuthambisa ukuze ube ngukumkani wakwaSirayeli.’ ”

13. Bakhawuleza ke bathatha iingubo zabo, bazandlala phantsi kwakhe apho esitupini. Baza bakhalisa isigodlo, bakhwaza bathi: “UYehu ngukumkani!”

14. Ke uYehu unyana kaYoshafati unyana kaNimshi wenzela uYoram iyelenqe. UYoram naye wonke uSirayeli babehlanganisela iRamoti yaseGiliyadi eyayihlaselwa nguHazayeli ukumkani wama-Aram,

15. kodwa ke uYoram wabuyela eYizereli, ukuze ade achache kuloo manxeba wayewafumene kuma-Aram kwelo dabi labo noHazayeli ukumkani wakwa-Aram. UYehu wathi: “Ukuba siyavana sukuvumela mntu aphume apha esixekweni aye kuxela iindaba eYizereli.”

16. Wangena enqwelweni yakhe ke, waya eYizereli, kuba uYoram wayelele khona. Ke naye uAhaziya ukumkani wakwaJuda wayeye kumbona.

17. Ke umlindi owayemi emboniselweni eYizereli, akubona uYehu esiza nomkhosi, wakhwaza wathi: “Nanko umkhosi usiza!”UYoram wathi: “Thumela umntu ngehashe aye kuwuhlangabeza, abuze athi: ‘Niza ngoxolo na?’ ”

18. Waphuma loo mfo ngehashe, waya kuhlangabeza uYehu, wabuza wathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”Umlindi waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa ke asibuyi.”

19. Ke ukumkani wathumela esinye isigidimi kwangehashe. Sithe ke sakufika kubo sathi: “Ukumkani uthi mandibuze ukuba ngaba niza ngoxolo na.”UYehu waphendula wathi: “Uza kwenza ntoni ngoxolo? Tshona ngasemva kwam!”

20. Umlindi ubuye waxela wathi: “Isigidimi sihambe saya kufika, kodwa asibuyi. Ke ukuqhuba ngathi kukuqhuba kukaYehu unyana kaNimshi, ngokuba uqhuba oku kwephambana.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 9