Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 4:21-38 Ibhayibhile (XHO96)

21. Ke unina wamthatha waya naye kwigumbi lomfo wakwaThixo, wafika wambeka emandlalweni wakhe, waza ke waluvala ucango waphuma.

22. Ke wathetha nomyeni wakhe wathi: “Nceda utsho isicaka size nedonki apha; ndifuna ukuya kulaa mfo wakwaThixo ngoku, ndiphinde ndibuye.”

23. Ke yena wabuza wathi: “Ngani ukuba uye kuye namhlanje? Inyanga ayikathwasi, ibe ingenguwo *noMhla woPhumlo.”Umfazi waphendula wathi: “Sukukhathazeka.”

24. Waza ke umfazi lowo wabeka isali edonkini, wathi kwisicaka: “Ndikhokele, ungacothi ngaphandle kokuba kutsho mna.”

25. Ngoko ke waphuma waya kumfo wakwaThixo kwintaba iKarmele.Umfo wakwaThixo wambona esemgama, waza wathetha nehlakani lakhe uGehazi, wathi: “Uyabona, nankuya umShunemikazi esiza!

26. Yiya kumhlangabeza, ufike ubuze uthi: ‘Uphila njani? Usaphila umyeni wakho? Umntwana yena uphilile?’ ”“Hayi noko konke nje kulungile,” waphendula watsho.

27. Uthe ke akufika apho entabeni kumfo wakwaThixo wasuka wambamba ezinyaweni. Ke yena uGehazi wafuna ukumtyhiliza, kodwa ke umfo wakwaThixo wathi: “Hayi, myeke! Usengxakini ebuhlungu, kambe uNdikhoyo undifihlele, akandixelela ukuba kungenxa yantoni na.”

28. Umfazi lowo wathi: “Ngaba ndakha ndamcela na umntwana kuwe, nkosi yam? Ndandingatshongo na ukuthi: ‘Musa ukundinika ilize lethemba’?”

29. UElisha wabhekisa kuGehazi wathi: “Finyeza uxhabashe! Thatha induku yam, uhambe ngokukhawuleza, ubaleke. Umntu odibana naye ngendlela uze ungambulisi, nawe xa umntu ekubulisa, uze ungachithi ixesha ngempilo. Le nduku yam uze uyibeke phezu kobuso benkwenkwe leyo.”

30. Kodwa ke unina womntwana wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, ukho nje nawe, andiyi kuhamba ngaphandle kwakho.” Ngoko ke waphakama uElisha wamlandela.

31. Ke kaloku uGehazi wabakhokela, wafika wabeka induku leyo phezu kobuso benkwenkwe, kodwa ke kwathi cwaka akwabikho kusabela. Ke uGehazi wajika wahlangabeza uElisha wamxelela esithi: “Laa nkwenkwe ayivuki tu.”

32. Ekufikeni kwakhe ke uElisha kwelo khaya, wafumana inkwenkwe leyo isemandlalweni wakhe, iseliswelekile.

33. Akufika ke wangena apho egumbini, waza waluvala ucango, basala bobabini, waza ke wathandaza uNdikhoyo.

34. Ngoko ke wazolula apho phezu kwaloo nkwenkwe, yangumlomo emlonyeni, neliso elisweni, nezandla ezandleni. Kuthe ke kusenjalo, suka waya ufudumala ngokufudumala umzimba wenkwenkwe leyo.

35. UElisha ke wakhe wayishiya, wahamba-hamba apho endlwini, waza ke waphinda wabuya wazolula apho phezu kwenkwenkwana. Ke inkwenkwe leyo yathimla kasixhenxe, yaza ke yawavula amehlo ayo.

36. UElisha wayalela uGehazi wathi: “Khawubize umShunemikazi lowo!” Wambiza ke, kwathi akuba efikile wathi: “Thatha, nanko unyana wakho!”

37. Wangena ke, wavova, waguqa emhlabeni. Waza ke wasuka wamthatha unyana wakhe lowo, waphuma.

38. Ke uElisha wabuyela eGiligali. Ngelo thuba kwakukho imbalela kuloo ngingqi. Ke kaloku iqela labashumayeli lalihleli phambi kwakhe, waza wathi kwihlakani lakhe: “Thatha imbiza enkulu, uphekele aba bashumayeli isityu.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 4