Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 23:34-37 Ibhayibhile (XHO96)

34. Ke kaloku ukumkani waseJiputa uNeko lowo wathatha unyana kaJosiya uEliyakim wammisela wangukumkani esikhundleni sikayise, igama lakhe elo walijika wathi nguJoyakim. Ke yena uYowahazi wamfudusela eJiputa, apho wafela khona.

35. UJoyakim wayeyikhupha loo siliva naloo golide yayimiselwe ngukumkani waseJiputa. Loo mrhumo ke wawukhupha ngokurhafisa abantu belizwe lakhe, bekhupha isiliva negolide ngokwezinto abanazo.

36. UJoyakim waqalisa ukulawula eneminyaka emashumi mabini anantlanu, waza ke walawula eJerusalem iminyaka elishumi elinanye. Unina yayinguZebhida intombi kaPedaya waseRuma.

37. Wênza okubi emehlweni *kaNdikhoyo; naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 23