Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 23:25-34 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.

26. Nakuba kunjalo ke kodwa, yena uNdikhoyo akajikanga kwingcwangu yomsindo wakhe owawuvutha ngakuJuda, ngenxa yezinto awayemxhokonxe ngazo uManase.

27. Ngoko ke uNdikhoyo wathi: “Ndiza kumgxotha phambi kwam uJuda kwanjengoko ndenzayo kuSirayeli; ewe, ndoyibukula iJerusalem, isixeko endasinyulayo, nditsho nkqu nayo le ndlu endandithethe ngayo ndathi: ‘Lohlala kuyo igama lam.’ ”

28. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, nayo yonke imizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

29. Ke kaloku ngaloo mihla kakumkani uJosiya ukumkani waseJiputa uNeko wanyuka waya kuncedisa ukumkani waseAsiriya ngakumlambo iEfrati. Ukumkani uJosiya waphuma nomkhosi wakhe wamhlangabeza. Kodwa ke uNeko lowo wagagana naye eMegido, wamosela wafa.

30. Ke amaphakathi akhe awuthatha umzimba kaJosiya apho eMegido, awuthwala ngenqwelo, aya nawo eJerusalem, afika amfaka engcwabeni lakhe. Abemi belizwe ke bathatha uYowahazi unyana kaJosiya, bamthambisa bammisela wangukumkani esikhundleni sikayise.

31. Ukuqala kwakhe ukulawula uYowahazi wayeneminyaka emashumi mabini anantathu, walawula apho eJerusalem iinyanga zantathu. Unina yayinguHamutali intombi kaJeremiya okhaya laliseLibhena.

32. Naye wathatha ikhondo looyise-mkhulu ngokwenza okubi emehlweni kaNdikhoyo.

33. Ukumkani waseJiputa uNekoOkanye “uFaro Neko” – eJiputa ookumkani babebizwa ngokuba nguFaro wamkhonkxa ngamatyathanga eRibhela, umhlaba waseHamati, waza ke akabi nako ukulawula apho eJerusalem. Kananjalo uJuda wammisela irhafu yeekhilogram zesiliva ezimawaka mathathu makhulu mane, kunye neekhilogram zegolide ezimashumi mathathu anane.

34. Ke kaloku ukumkani waseJiputa uNeko lowo wathatha unyana kaJosiya uEliyakim wammisela wangukumkani esikhundleni sikayise, igama lakhe elo walijika wathi nguJoyakim. Ke yena uYowahazi wamfudusela eJiputa, apho wafela khona.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 23