Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 23:18-28 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wathi: “Liyekeni ke; makungaze kubekho mntu uwachukumisayo amathambo akhe.” Ngoko ke bawayeka amathambo akhe kunye nalawo omshumayeli owayevela eSamariya.

19. Kwanjengoko wenzayo eBhetele uJosiya wazisusa wazixabela zonke izibingelelo ezindaweni eziphakamileyo zonqulo, ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli kwiidolophu zaseSamariya, nto leyo eyawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo.

20. UJosiya wababulalela apho emaqongeni bonke ababingeleli bezo ndawo zonqulo, watshisa amathambo omntu kuloo maqonga. Waza ke wabuyela eJerusalem.

21. Ke kaloku ukumkani wabanika umyalalelo bonke abantu othi: “Yenzani *iPasika *kaNdikhoyo uThixo wenu njengoko kubhaliweyo kule ncwadi yomnqophiso.”

22. IPasika le ke yayingazange yenziwa, kwaukususela kwimihla yeenkokheli ezazikhokela uSirayeli, ingazange yenziwa nakwimihla yookumkani bakwaSirayeli, ngokunjalo nakweyâbo bakwaJuda.

23. Kambe ke ngonyaka weshumi elinesibhozo kakumkani uJosiya yabhiyozelwa iPasika kaNdikhoyo eJerusalem.

24. Ngaphezu koko ke uJosiya wazibhangisa zonke izangoma namagqirha, nayo yonke imilonde-khaya nemifanekiso ezizithixo, nazo zonke izinto ezingamasikizi ezazifumaneka ezweni lakwaJuda naseJerusalem. Yonke ke loo nto wayenza efezekisa imiqathango yomthetho eyayibhalwe kuloo ncwadi yayifunyenwe ngumbingeleli uHilekiya endlwini kaNdikhoyo.

25. Ngaphambili nasemva kwakhe uJosiya wayengazange abekho, engaphindanga wakhona, ukumkani owayezinikezele kuNdikhoyo njengaye, loo nto eyenza ngomxhelo wakhe uphela, nangamandla akhe, njengoko usitsho umthetho kaMosis.

26. Nakuba kunjalo ke kodwa, yena uNdikhoyo akajikanga kwingcwangu yomsindo wakhe owawuvutha ngakuJuda, ngenxa yezinto awayemxhokonxe ngazo uManase.

27. Ngoko ke uNdikhoyo wathi: “Ndiza kumgxotha phambi kwam uJuda kwanjengoko ndenzayo kuSirayeli; ewe, ndoyibukula iJerusalem, isixeko endasinyulayo, nditsho nkqu nayo le ndlu endandithethe ngayo ndathi: ‘Lohlala kuyo igama lam.’ ”

28. Ke zona ezinye zeziganeko zolawulo lukaJosiya, nayo yonke imizabalazo yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 23