Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 23:14-21 Ibhayibhile (XHO96)

14. UJosiya wazaphula iintsika zamatye, waza wazigawula iintsika zika-Ashera, waza ezo ndawo zazo wazigquma ngamathambo abantu.

15. Walidiliza neqonga eliseBhetele, loo ndawo yonqulo yayenziwe nguJerobhowam unyana kaNebhati, lowo walukuhlela amaSirayeli esonweni, konke nje wakutshabalalisa, loo ndawo yonqulo wayitshisa wayisila yaluthuli, ngokunjalo nentsika ka-Ashera wayitshisa.

16. UJosiya wakhangela ngapha nangapha waza wabona amangcwaba awayelapho kwelo thambeka, wathi makakhutshwe kuwo amathambo, waza wawatshisela eqongeni ukulixabhela ngokwelizwi likaNdikhoyo elavakaliswa ngumfo wakwaThixo owazixelayo kwangaphambili ezo zinto.

17. Ukumkani wathi: “Elaa litye lengcwaba ndilibonayo lelikabani?”Amadoda eso sixeko athi kuye: “Eliya lingcwaba lomfo wakwaThixo owayevela kwaJuda, waza waxela ezi zinto uzenzileyo mayela neli qonga laseBhetele.”

18. Wathi: “Liyekeni ke; makungaze kubekho mntu uwachukumisayo amathambo akhe.” Ngoko ke bawayeka amathambo akhe kunye nalawo omshumayeli owayevela eSamariya.

19. Kwanjengoko wenzayo eBhetele uJosiya wazisusa wazixabela zonke izibingelelo ezindaweni eziphakamileyo zonqulo, ezo zazakhiwe ngookumkani bakwaSirayeli kwiidolophu zaseSamariya, nto leyo eyawuxhokonxayo umsindo kaNdikhoyo.

20. UJosiya wababulalela apho emaqongeni bonke ababingeleli bezo ndawo zonqulo, watshisa amathambo omntu kuloo maqonga. Waza ke wabuyela eJerusalem.

21. Ke kaloku ukumkani wabanika umyalalelo bonke abantu othi: “Yenzani *iPasika *kaNdikhoyo uThixo wenu njengoko kubhaliweyo kule ncwadi yomnqophiso.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 23