Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 20:7-15 Ibhayibhile (XHO96)

7. UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.

8. UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba uNdikhoyo uya kundiphilisa ndize ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku?”

9. UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”

10. UHezekiya wathi: “Yinto engenamsebenzi ukuba isithunzi siye phambili ishumi leenyawo. Hayi, kanye masibuye umva ishumi leenyawo.”

11. Ke umshumayeli uIsaya wanqula uNdikhoyo, waza uNdikhoyo wasibuyisa umva isithunzi kangangeenyawo ezilishumi apho kwisitupu sika-Ahazi.

12. Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba uHezekiya ubekhe wagula. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.

13. UHezekiya wazamkela izigidimi ezo, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva negolide, ubulawu neziqholo, nazo zonke izikrweqe zakhe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.

14. Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude eBhabheli.”

15. “Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.UHezekiya uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 20