Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 20:4-20 Ibhayibhile (XHO96)

4. Uthe ke uIsaya engekaphumi kwindlu ephakathi, labe ilizwi likaNdikhoyo selifikile kuye. Lalisithi:

5. “Jika uxelele inkokheli yabantu bam uHezekiya, uthi: ‘Nali ilizwi elithethwa nguNdikhoyo uThixo kayihlo uDavide: Ndiwuvile umthandazo wakho, ndazibona neenyembezi zakho. Ndiza kukuphilisa. Ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku uya kuya endlwini kaNdikhoyo.

6. Ndiza kubongeza ngeminyaka elishumi elinesihlanu ubomi bakho. Futhi ndiza kukuhlangula wena kunye nesi sixeko kwisandla sokumkani waseAsiriya. Esi sixeko ndiza kusikhusela ngenxa yesidima segama lam nangenxa yesicaka sam uDavide.’ ”

7. UIsaya uqhube wathi: “Ithumba elo libekeleni ngentlama yomkhiwane.” Ngenene ke balibekela ithumba elo, waza ke waphila.

8. UHezekiya wabuza kuIsaya wathi: “Woba yintoni na umqondiso wokuba uNdikhoyo uya kundiphilisa ndize ndibe nako ukuya endlwini kaNdikhoyo ngosuku lwesithathu ukusuka ngoku?”

9. UIsaya wathi: “Nanku ke umqondiso kaNdikhoyo ocacisa ukuba yena uya kwenza ngokwesithembiso sakhe. Ùthi isithunzi masiye phambili ishumi leenyawo okanye sibuye umva ishumi leenyawo?”

10. UHezekiya wathi: “Yinto engenamsebenzi ukuba isithunzi siye phambili ishumi leenyawo. Hayi, kanye masibuye umva ishumi leenyawo.”

11. Ke umshumayeli uIsaya wanqula uNdikhoyo, waza uNdikhoyo wasibuyisa umva isithunzi kangangeenyawo ezilishumi apho kwisitupu sika-Ahazi.

12. Ke kaloku ngelo xesha ukumkani waseBhabheli, uMerodaki-bhaladan unyana kaBhaladan, weva ukuba uHezekiya ubekhe wagula. Ngoko wambhalela iileta, wazithumela ngezigidimi kunye nesipho.

13. UHezekiya wazamkela izigidimi ezo, waza wazibonisa konke okwakukoovimba bakhe: isiliva negolide, ubulawu neziqholo, nazo zonke izikrweqe zakhe zomkhosi. Wazingenisa kubo bonke oovimba bakhe, akwabikho nto zingayibonanga apho ebhotwe nakubukumkani bakhe buphela.

14. Umshumayeli uIsaya ke waya kukumkani uHezekiya, wafika wabuza wathi: “La madoda ebevela phi, efuna ntoni khona?”UHezekiya uphendule wathi: “Aphuma kwelikude eBhabheli.”

15. “Ngaba kukho nto ayibonileyo ke apha komkhulu?” ubuzile umshumayeli.UHezekiya uphendule ngelithi: “Akukho nto angayibonanga. Ndiwangenise kubo bonke oovimba bam.”

16. Waza ke uIsaya wathi kuHezekiya: “Nali ke ilizwi likaNdikhoyo:

17. ‘Ngenene liyeza ithuba apho yonke into elapha komkhulu nalo lonke ilifa elashiywa ngooyihlo ukuza kuthi gaa namhlanje liya kuthinjwa lifuduselwe eBhabheli.’ Ewe, uNdikhoyo uthi akukho nto iya kusala.

18. Abanye kubazukulwana besinqe sakho kanye baya kuthinjwa, baze benziwe amathenwa, babe zizicaka kwibhotwe lokumkani waseBhabheli.”

19. “Eli lizwi likaNdikhoyo ulithethayo lifanelekile,” uphendule watsho uHezekiya. Kaloku wayesithi: “Noko kuya kubakho inzolo nokhuseleko ngemihla yokudla kwam ubomi.”

20. Ke ezinye zeziganeko zikaHezekiya, nayo yonke imizabalazo yakhe esenza iqula netonela awatsala amanzi ngalo ewangenisa esixekweni, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 20