Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 15:1-11 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngonyaka wamashumi amabini anesixhenxe uJerobhowam engukumkani kwaSirayeli, uAzariya unyana ka-Amaziya waqalisa ukulawula kwaJuda.

2. Ukungena kwakhe ebukhosini wayeneminyaka elishumi elinesithandathu, walawula eJerusalem iminyaka emashumi mahlanu anambini. Unina yayinguYekoliya, intombi yaseJerusalem.

3. UAzariya wênza okuhle emehlweni *kaNdikhoyo njengoko wenzayo uyise uAmaziya.

4. Ke zona iindawo eziphakamileyo zonqulo zange zibhangiswe; abantu baqhubela phambili besenza amadini neziqhumiso apho kuzo.

5. Ukumkani lowo ke wabandezelwa *ngeqhenqa nguNdikhoyo, sifo eso samthi nca wada wasweleka, ehlala endlwini yakhe yedwa. Ke uYotam, unyana kakumkani lowo, yaba nguye olawulayo apho komkhulu, inguye nophicotha imicimbi yabantu jikele.

6. Ezinye zeziganeko zolawulo luka-Azariya, nayo yonke imisebenzi yakhe, nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaJuda.

7. UAzariya waya kuphumla kooyise, waza wangcwatywa phakathi kwabo kwisixeko sikaDavide. Endaweni yakhe kwangena uYotam unyana wakhe.

8. Ngonyaka wamashumi amathathu anesibhozo uAzariya engukumkani wakwaJuda, uZakariya unyana kaJerobhowam waba ngukumkani wakwaSirayeli eSamariya isithuba seenyanga ezintandathu.

9. Naye wenza okubi emehlweni *kaNdikhoyo kwanjengooyise. Zange ashenxe kwizono zikaJerobhowam unyana kaNebhati, ezo walukuhlela amaSirayeli kuzo.

10. Ke kaloku uShalum unyana kaYabheshe wamenzela iyelenqe uZakariya. Wamhlasela phambi kwabantu wambulala, waza wangena ezihlangwini zakhe wangukumkani.

11. Ke ezinye zeziganeko zolawulo lukaZakariya nâzo encwadini yeembali zookumkani bakwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 15