Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yookumkani 11:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. elesibini libe kwisango iShure, lize elesithathu libe sesangweni elisemva kwabalindi abo babolekisana ngokulinda indlu kaThixo.

7. Ke nina bakumaqela amabini angadli ngokusebenza ngoMhla woPhumlo, niya kugada ukumkani endlwini kaThixo.

8. Ze nime ningqonge ukumkani, indoda nganye ixhobile. Nabani na othe cakatha makabulawe. Hlalani nikufuphi nokumkani naphi na apho aya khona.”

9. Iingqwayi-ngqwayi zamabutho lawo ke zenza njengoko zaziyalelwe ngumbingeleli uJoyada. Nganye kuzo yemka neqela layo, abo babesebenza *ngoMhla woPhumlo nabo babephumile emsebenzini, bonke baya kumbingeleli uJoyada.

10. Ke iingqwayi-ngqwayi zamaqela wazinika imikhonto namakhaka lawo awayengawokumkani uDavide egcinwe endlwini kaNdikhoyo.

11. Ngenene ke abalindi bonke bamphahla ukumkani bexhobile, bemi ngaseqongeni lendlu kaThixo, ukusukela kwicala elingasezantsi ukuya kwelingasentla apho endlwini kaThixo.

12. UJoyada waphuma naye unyana kakumkani, waza wamthwesa isithsaba, wamnika umnqophiso obhaliweyo, ebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, baza ke abantu baduma badanduluka bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”

13. Akuva loo ntswahla yayisenziwa ngabalindi ndawonye nabantu, uAtaliya waya ebantwini endlwini kaNdikhoyo.

14. Akukhangela wabona tyhini nanko ukumkani emi ngasentsikeni ngokusesikweni. Amaphakathi nabakhalisi-maxilongo babephahle ukumkani, baye bonke abemi belizwe benemihlali bekhalisa amaxilongo. Ke uAtaliya wasuka wazikrazula izambatho zakhe, wadanduluka wathi: “Uvukelo! Uvukelo!”

15. Umbingeleli uJoyada wayalela iingqwayi-ngqwayi zamabutho omkhosi, wathi: “Mthatheni nimkhuphe phakathi kwamabutho; nabani na omlandelayo nimbulale ngekrele.” Kaloku umbingeleli wayesithi: “Makangabulawelwa endlwini kaNdikhoyo.”

16. Ngoko ke bambamba xa efika kwiSango lamaHashe eyadini yakomkhulu, bambulalela apho.

funda isahluko epheleleyo 2 Yookumkani 11