UJoyada waphuma naye unyana kakumkani, waza wamthwesa isithsaba, wamnika umnqophiso obhaliweyo, ebhengeza ukuba ungukumkani. Bamthambisa, baza ke abantu baduma badanduluka bathi: “Phil' ud' ukhokhobe, kumkani!”