Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 7:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa.

9. Ngosuku lwesibhozo benza intlanganiso. Kaloku itheko lokunikezela iqonga lathatha iintsuku ezisixhenxe, kananjalo nombhiyozo waziintsuku ezisixhenxe.

10. Ke ngosuku lwamashumi amabini anantathu kwinyanga yesixhenxe wawandulula agoduka amaSirayeli onwabile enemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzele uDavide noSolomon kunye nabantu bakhe amaSirayeli.

11. Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe,

12. suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi:“Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini.

13. “Ngoko ke kuya kuthi xa ndithe ndawavala amazulu akwabikho mvula, okanye xa ndithe ndathumela iinkumbi zalivikiva eli lizwe, mhlawumbi xa ndithe ndathumela ubhubhani wesifo phakathi kwabantu bam,

14. ukuba abantu bam abo babizwa ngegama lam bathe bazithoba bathandaza bendikhunga befuna ubuso bam, bazilahla iindlela zabo ezikhohlakeleyo, ke mna ndiya kubaphulaphula ndibeve ndisezulwini, ndisixolele isono sabo, ndilinyange ilizwe labo.

15. Ewe, amehlo am aya kuhlala ejongile, neendlebe zam ndihlale ndizibazele imithandazo eyenziwa kule ndawo.

16. Le ndlu ndiyinyule ndayingcwalisa ukuze igama lam lihlale apha kuyo ngonaphakade. Intliziyo yam namehlo am ohla ekule ndawo.

17. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,

18. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho njengoko ndandinqophisene noyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda engumlawuli kwaSirayeli.’

19. “Kambe ke ukuba nithe nayijikela nayilahla imimiselo nemiyalelo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula thixo bambi,

20. mna ndomncothula uSirayeli kweli lizwe lam ndamnika lona, nale ndlu ndiyingcwalisele igama lam ndoyilahla. Ewe, ndiya kuyenza undaba-mlonyeni, ibe sisigculelo kuzo zonke izizwe.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 7