Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 7:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. Ukumkani uSolomon wenza idini ngeenkomo ezingamawaka angamashumi amabini anambini, kunye neegusha neebhokhwe ezilikhulu elinamashumi amabini amawaka. Ngaloo ndlela ke ukumkani kunye nabantu bonke bayivula beyinikela indlu kaThixo.

6. Ababingeleli kunye nabaLevi bema ngeendawo zabo, abaLevi bephethe izikhalisi zokudumisa uNdikhoyo, ezo ukumkani uDavide wayezenzele ukuba zikhaliswe xa bebulela besithi: “Izibele zakhe zimi ngonaphakade.” Ababingeleli babekhangelene nabaLevi, bona bekhalisa amaxilongo, amaSirayeli onke emi ngeenyawo.

7. USolomon wawungcwalisa umbindi wenkundla ephambi kwendlu kaNdikhoyo, waza khona apho wenza amadini atshiswayo, wanikela namanqatha angumnikelo wobudlelwane. Kaloku iqonga lobhedu awayelenzile lalingawalingene amadini atshiswayo, iminikelo yeenkozo, namadini enziwa ngamanqatha.

8. Ngelo thuba ke uSolomon walenza itheko iintsuku zasixhenxe, enamaSirayeli ephela, inyambalala yembizo, abantu abaphuma kwinkalo yeHamati kude kuthi xhaxhe ngomda waseJiputa.

9. Ngosuku lwesibhozo benza intlanganiso. Kaloku itheko lokunikezela iqonga lathatha iintsuku ezisixhenxe, kananjalo nombhiyozo waziintsuku ezisixhenxe.

10. Ke ngosuku lwamashumi amabini anantathu kwinyanga yesixhenxe wawandulula agoduka amaSirayeli onwabile enemihlali ngenxa yezinto ezintle uNdikhoyo awayezenzele uDavide noSolomon kunye nabantu bakhe amaSirayeli.

11. Ke uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe, ekufezile nako konke awayezimisele ukukwenza endlwini kaNdikhoyo nakwelo bhotwe lakhe,

12. suka uNdikhoyo wabonakala kuye ebusuku, wathi:“Ndiwuvile umthandazo wakho, ngoko ke le ndawo ndizinyulele yona ukuba ibe yindlu yam yamadini.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 7