Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 6:28-41 Ibhayibhile (XHO96)

28. “Xa kuthe kwakho indlala nokuba ngubhubhani kweli lizwe, okanye kubekho isihlava, isihumba, iinkumbi, iintothoviyane, okanye xa abantu bakho bethe bangqingwa ziintshaba ezixekweni zabo, ukanti nokuba sisiphi na isithwakumbe okanye isifo esibafikeleyo,

29. makuthi xa kukho nawuphi na kubantu bakho othandazayo ekhunga ngokuva iimbandezelo neentlungu, izandla zakhe eziphakamisela kule ndlu,

30. wena ke yiva usekhayeni lakho ezulwini. Ewe, xolela, ulowo nalowo umphathe ngokwezenzo zakhe, kuba wena uyayazi intliziyo yakhe. Kaloku nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zabantu.

31. Ngaloo ndlela ke baya kukuhlonela, bahambe ezindleleni zakho ngalo lonke ixesha lokudla kwabo ubomi kulo mhlaba wawunika oobawo.

32. “Kanti ke nowasemzini ongenguye owabantu bakho amaSirayeli, kodwa ofike evela kwelikude ilizwe ngenxa yodumo lwegama lakho, namandla esandla sakho, kunye nobungangamsha bengalo yakho, makathi akuza kuthandaza apha kule ndlu,

33. wena ke uve usekhayeni lakho ezulwini, owasemzini lo umenzele konke oko akucelayo kuwe, khon' ukuze zonke izizwe zehlabathi zilazi igama lakho, zikuhlonele kwanjengokuba bekuhlonela abantu bakho amaSirayeli. Ewe, ukuze ziqonde ukuba le ndlu ndiyakhileyo ibizwa ngegama lakho.

34. “Nabantu bakho xa bathe baya emfazweni besilwa neentshaba zabo, nokuba ubathumela phi na, mabathi bakuthandaza kuwe, bebhekisa kule ndlu ndiyakhele igama lakho, kwesi sixeko usinyulileyo,

35. yithi wena usezulwini uwuve umthandazo nesikhungo sabo, ubagwebele.

36. “Xa bathe bakona – kaloku akukho mntu ongoniyo – waza ke wena wakhathazeka wabanikela elutshabeni, luze ke lona lubathimbe lubafuduse, nokuba lubase kwilizwe elikude okanye elikufuphi,

37. xa bathe baguquka bazisola kwelo lizwe bathinjelwe kulo, ewe, xa beguquka bezibika kuwe, belapho kwelo lizwe lokuthinjwa, besithi: ‘Ewe, sonile, senze ububi nenkohlakalo,’

38. xa bebuyela kuwe ngomxhelo wabo wonke nentliziyo yabo iphela bekwelo lizwe lokuthinjwa, bethandaza bebhekisa kweli lizwe walinika ooyise, kwesi sixeko wasinyulayo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho,

39. yithi ke wena usekhayeni lakho ezulwini, uwuve umthandazo wabo, nezikhungo zabo, ubagwebele. Ewe kaloku, uze ubaxolele abantu bakho abakonileyo.

40. “Nakalokunje, Thixo wam, ngamana wena ungawavula amehlo akho, uyibazele iindlebe imithandazo eyenziwa kule ndawo.

41. “Ndikhoyo, Thixo wam, phakama,uze endaweni yakho yokuphumla,wena netyesi yobungangamsha bakho.Ewe, Ndikhoyo, Thixo wam,ababingeleli bakho ngamana bangavatha ezosindiso,ithi nemilowo yakwakho yonwatyiswe kukulunga kwakho!

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 6