Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 6:17-26 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ewe, nangoku, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ilizwi owalithethayo uthembisa isicaka sakho uDavide malifezeke.

18. “Kambe ke, ngaba uThixo angade ahlale emhlabeni phakathi koluntu na? Hayi bo; kaloku namazulu, nditsho namazulu asemajuku-jukwini ngokwawo, akanako ukukuqulatha! Ibeke phi ke yona le ndlu ndiyakhileyo?

19. Nakuba kunjalo, Ndikhoyo, Thixo wam, wubekele iindlebe umthandazo wesicaka sakho esizibikayo kuwe. Kuve ukulila nokukhunga kwesicaka sakho esikubongozayo!

20. Imini nobusuku ngamana amehlo akho athi ntsho kuyo le ndlu. Kaloku yile wathetha ngayo usithi igama lakho liya kuba kuyo. Ke ngoko wuphulaphule lo mthandazo esiya kuthi isicaka sakho siwubhekise kule ndawo.

21. Zibazele iindlebe izikhungo zesicaka sakho ndawonye nabantu bakho xa umthandazo wabo bewubhekisa kule ndawo. Yiva wena usekhayeni lakho ezulwini; ewe, yiva, uvile uxolele.

22. “Xa umntu ethe wona ummelwane wakhe kwaza ke kwafuneka enze isifungo, waza ke yena weza kufunga kule ndlu phambi kweqonga lakho,

23. wena ke yiva usezulwini, usebenze ngaloo nto. Uze ugwebe phakathi kwezicaka zakho, onetyala umbuyekeze ngesohlwayo esifanele isenzo sakhe. Uze umgwebele umntu omsulwa, khon' ukuze aphuhle ukuba umsulwa.

24. “Xa abantu bakho amaSirayeli ethe oyiswa lutshaba ngenxa yokuba ekonile wena, makathi akubuya ebula, evuma igama lakho, ethandaza, esenza isikhungo kuwe kuyo le ndlu,

25. wena ke yiva usezulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, uwabuyisele kulo mhlaba wawunika ooyise.

26. “Xa amazulu athe avaleka ayabikho imvula, kuba abantu bakho bekonile, mabathi xa bathe babhekisa kule ndawo ngomthandazo bevuma igama lakho, bezishiya nezono zabo kuba wena ubabandezele,

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 6