Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 6:11-21 Ibhayibhile (XHO96)

11. Kuyo ndayibeka ityesi equlethe umnqophiso kaNdikhoyo awayewenze namaSirayeli.”

12. Ke kaloku uSolomon wema phambi kweqonga *likaNdikhoyo, apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza ke waziphakamisa izandla zakhe.

13. Ke kaloku wayenze iqonga lokuma lobhedu, laba ziimitha ezimbini ezinekota ubude nobubanzi, liyimitha enye enekota ukuphakama; walithatha ke walibeka embindini wenkundla engaphandle. Waqabela apho kulo, waza waguqa apho phambi kwaloo nginginya yebandla likaSirayeli, waza izandla zakhe waziphakamisela ezulwini,

14. wathi:“Ewe, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, akakho uThixo onjengawe ezulwini nasemhlabeni. Kaloku ungulowo uwugcinayo umnqophiso wakhe wokuzithanda izicaka zakhe ezithe rhoqo ngomxhelo wazo wonke ukuhamba ezindleleni zakhe.

15. Ngoku ke usigcinile isithembiso sakho kwisicaka sakho uDavide ubawo. Wathembisa ngomlomo wakho; kunamhlanje-nje ke ufezekisile ngesandla sakho.

16. “Nangoku ke, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, isicaka sakho uDavide ubawo khawumgcinele ezo zithembiso wamenzela zona usithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuchopha phambi kwam kwisihlalo sokulawula sakwaSirayeli, ukuba kodwa oonyana bakho bathe bakunyamekela ngandlela zonke ukuhamba phambi kwam ngokomthetho wam njengawe lo.’

17. Ewe, nangoku, Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ilizwi owalithethayo uthembisa isicaka sakho uDavide malifezeke.

18. “Kambe ke, ngaba uThixo angade ahlale emhlabeni phakathi koluntu na? Hayi bo; kaloku namazulu, nditsho namazulu asemajuku-jukwini ngokwawo, akanako ukukuqulatha! Ibeke phi ke yona le ndlu ndiyakhileyo?

19. Nakuba kunjalo, Ndikhoyo, Thixo wam, wubekele iindlebe umthandazo wesicaka sakho esizibikayo kuwe. Kuve ukulila nokukhunga kwesicaka sakho esikubongozayo!

20. Imini nobusuku ngamana amehlo akho athi ntsho kuyo le ndlu. Kaloku yile wathetha ngayo usithi igama lakho liya kuba kuyo. Ke ngoko wuphulaphule lo mthandazo esiya kuthi isicaka sakho siwubhekise kule ndawo.

21. Zibazele iindlebe izikhungo zesicaka sakho ndawonye nabantu bakho xa umthandazo wabo bewubhekisa kule ndawo. Yiva wena usekhayeni lakho ezulwini; ewe, yiva, uvile uxolele.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 6